NguZainunnisa “Cissie” Gool
Ngenkulungwane yamashumi amabini
Ifoto kaCissie Gool. Umfanekiso: ngoweBailey’s African History Archive
“Endizama ukukwenza kukwakha isizwe esiqhakazileyo nesingcono seKapa ngokubanzi.” Okwakuqulethwe yila flaya kwakucacile, uCissie Gool “wayengumgqatswa wabantu”. Eyayinomhla wesihlanu kwinyanga yoMsintsi ka-1938, le flaya yaphawula isiqalo ukuvela kwekhono lezopolitiko likaCissie. Waluphumelela ukhetho waba ngumfazi wokuqala owaba kwiBhunga laseKapa, emele abantu baseDistrict Six, isikhundla awaba kuso isithuba seshumi elinesihlanu seminyaka.
Ubugorha bukaCissie ngokwezopolitiko bondliwaayeni lakhe elalikwincam yeDistrict Six. Abazali bakhe, uGqir. Abdullah Abdurahman nenkosikazi yakhe uNellie, babezibandakanye nezopolitiko kumanqanaba ohlukeneyo bekohlukene futhi nangobukhulu nobungangamsha. UGqir. Abdullah
wayekhokela umbutho owawuchasene nobandlululo owawubizwa i-African Political Organization (i-APO). Inkosikazi yakhe yokuqala uNellie, owayengumphambukeli owayesuka eSkotlani nawahlangana naye esengumfundi eGlasgow, wayekhokela iWomen’s Guild ye-APO futhi ke wayekhankasela abangathathi ntweni.
Ubuntwana bakhe bonke uyise wayephambili kwezopolitiko. Kwiinkalo ezininzi, wayethathelwa phezulu njengendoda engoyikiyo, onokholo neyayihlikihlile neyayihlangana nabantu abaphuma kwiinkalo ngeenkalo. Njengosapho olwaluzibandakanye kakhulu neentshukumo zopolitiko, uCissie wabunjwa ngemigaqo-nkqubo nemiyalezo awayeyiva kumagumbi ekhaya lakwa-Abdurahman.
UCissie wenza umbongo wakhe wokuqala kumhlangano we-APO, ze ngoko nangoko wabonwa ngabalandeli bakayise, njengesithethi esihlakaniphe nesithembisa kakhulu. Kwiminyaka elandelayo, izakhono zakhe njengesithethi zambumbela ubomi njengomqambi, ithemba labantu, uJoan of Arc, kwanenkosazana yaseDistrict Six.
Abacebisi bakaCissie ebuntwaneni babequka igorha neqhawe lamalungelo amanina u-Olive Schreiner, ndawonye noMahatma Gandhi, owayenemigqaliselo kamakulinganwe nenkululeko eyakhuthaza uCissie. Emva kokufunda kwiSikolo Samabanga Aphezulu iTrafalgar, esasekwa nguyise esivulela abafundi bebala, uCissie wadlulela eyunivesithi. Waba ngumfazi wokuqala omnyama ukufumana isidanga semastazi e-U.C.T. ze waya kwenza izifundo zomthetho iL.L.B emva kwemini kwisithuba sonyaka ngaphambi kokubhubha kwakhe ngo-1963.
UCissie Gool waba ngomnye wabaseki beNational Liberation League yeentlanga ngeentlanga ze waba ngumongameli wokuqala walo mbutho. Wamkelwa kwiCape Town Bar kwisithuba seeveki ngaphambi kokubhubha kwakhe ze waba ngumfazi wokuqala omnyama ukuzuza esi sikhundla. Wathi wachongwa njengomongameli we-non-European United Front, eyayingumvuka weNational Liberation League, eyayiququzelele iintshkumo ezinkulu zokuqhankqalazela urhulumente wengcinezelo. Ngo-1946 wabanjelwa ukuzibandakanya kwanokuthabatha inxaxheba kwiphulo iPassive Resistance Campaign, elaliluqhankqalazo olwalungenabundlobongela nolwalukhokelwe ngumcebisi wakhe, uMahatma Gandhi.