Cape Town Museum

View Original

IiBhayografi zamagcisa

UKenneth M Alexander

Umzobi, umbhali- owaziwa kakuhle njengo-Artist In Athlone, uKenneth M Alexander – ngumzobi ophuma kwenyeyeelokishi ‘zamaQheya’ eziqhelekileyo eMzantsi Afrika, eyingqokelela yeenkcubeko, iinkokelo kunye namava.

Uzimisele ekunikezeleni ngolwazi nengqiqo eyiyo ngeenkcubeko ezahlukeneyo, ezihlangana kuloo vimba unguMzantsi Afrika. Ngoko ke, umsebenzi wakhe luluvo lwakhe ngopolitiko loluntu lweli lizwe.

Njengomfoti ozinikeleyo, uKennethe usoloko ebhuqana nemifanekiso evelisa ubuncwane beKapa, oboMzantsi Afrika kwanobehlabathi. Noku ke kukwangumsebenzi wakhe. 

UKenneth lo ukwangumbhali wothotho lweencwadi, eziveza amava akhe ngobomi pantsi koMzantsi Afrika wengcinezelo kwanalo wenkululeko. Ezi ncwadi zakhe zihonjiswe ngeminye yemifanekiso yemifanekiso yakhe emininzi. Incwadi yakhe yokugqubela, esihloko sithi Man About Town, isisigaba sokuqala kwibali lobomi bakhe.

Uninzi lwemisebenzi kaKenneth iveza ikhakhulu amava akhe njengomzobi weeplani zezakhiwo kwisithuba seminyaka engamashumi amahlanu eyadlulayo.

UKenneth wazalelwa eFlakeni, apho asahlala futhi asebenzela khona. Yiyo loo nto uninzi lwemizobo yakhe iveza ubomi nenkcubeko njengoko zinjalo eFlakeni, kodwa nanjengoko ubomi bezopolitiko nentlalo kwiKapa noMzantsi Afrika ngokubanzi.

IFlaka le yilokishi ‘yamaQheya’ eqhelekileyo kwingingqi yeCape Flats yaseKapa egcwele Isanti, netyebileyo yimbali yomzabalazo ukususela ngeminyaka yoo-1970 neyoo-1980. ICity Park Stadium, elangcwatyelwa kuso iqhawe lomzabalazo u-Imam Haron, isikolo Samabanga Aphezulu i-                                                                                                                                                                           Alexander Sinton kunye neHewat Training College (esele yaba  yiCollege of Cape Town kungoku nje) izakhiwo ezinendumasi emandla kwimbali yomzabalazo woMzantsi Afrika. Yona iTrojan Horse Memorial, apjo kwabulawelwa khona abantu ababesebatsha abathathu ngomhla we-15 kweyeDwarha ka-1985; istatyu sikaColine Willams kunye nesikaRobbie Waterwitch; ikhaya lika-Ashley Kriel nelika-Anton Fransch kwanendawo abaswelekela kuyo zikwisithuba somgama ongephi ukusuka e-Art In Athlone.

Indawo asebenzela kuyo uKenneth, i-Art in Athlone, ijolise ekwenzeni umsebenzi wobugcisa ufikeleleke kubantu bokuhlala ngokuthi yenze imiboniso yemisebenzi neencwadi zayo kumathala eencwadi asekuhlaleni. Kusabalulekile ke futhi, kwihlabathi – ingakumbi kula maxesha okugqugqisa  kukabhubhane Icovid-19 – ukuba kusetyenziswe ubuxhakaxhaka bobuchwepheshe kunokuba abantu baye kuvela buqu  ngokuthi kusetyenziswe amakhasi onxibelelwano. De kwangena umvalela-ndlwini ngenyanga yoKwindla ka-2020, uKenneth wayefundisa ezobugcisa kubantu abadala nakubafundi bezikolo zasekuhlaleni nase-Art In Athlone.


ULeetham Jacobs

ULeetham Jacobs wazalelwa eFlakeni ze wakhulela eKewtown, kwiiCape Flats. Uthi waqala ukuzama ukuzoba xa wayekwisithuba seminyaka emine ubudala, emva kokuba uyise wafika ekhaya umfanekiso awawuthandayo. Akuba ephulukene noyise xa akwisithuba seminyaka elithoba ubudala, uLeetham uqhubile nokuzoba ekwafumana nethuba lokuzibonakalisa ekuzobeni. Uthi uzobananton na ethi imfikele engqondweni. Xa athetha ngemizobo yakhe yokuzoba iKapa’, uLeetham uthi wavuseleleka wakhuthazeka ukuba azobe emva kokubuka umfanekiso weDistrict 6. ULeetham ukwiBanga 11 kwiSikolo Samabanga Aphakamileyo iPeakview eFlakeni. Uthi ukuhlala eKewtown kunemingeni yako, kodwa yena ufumana kuyo indawo yokukhuphela umsebenzi wakhe kuyo. Nangona isikolo sakhe singazinikezeli izifundo zobugcisa, uLeetham waqala e-Art in Athlone kunyaka ophelileyo ngaphambi kokuba ivalwe ngenxa yeCOVID.


U-Elton Jagels

U-Elton Jagels ngumzobi ozimeleyo ohlala nokwasebenza eLaaiplek, ekwingingqi yaseVelddrift kwiNtshona Koloni. Uqonde ikakhulu kwimizobo ye-3D kwakunye nemizobo yeentlobo ezixutyiweyo, esebenzisa ezisekelwe kwi-akhrilikhi. U-Elton ufundele igraphic design yaye ebeseoloko ezoba kwinqanaba eliphezulu ukususela ngo-2005, esebenzisa iinkqubo asele esaziwa ngazo ze-3D, ekusisakhono azifundise ngokwakhe. Njengoninzi kwingingqi ahlala kuyo, uyise noyisemkhulu babengabalobi. Umsebenzi ka-Elton uveza abalobi bengingqi yoNxweme olukwiNtshona kwakunye nezinto ezenzeka khona, athi yena yingxenye yendlela oluphila ngayo uluntu lwakhe.


ULeshan Moses

ULeshan Moses wazalelwa  eMitchell’s Plein kwiiCape Flats, kodwa ke wafudukela eGqeberha xa akwisithuba seminyaka emithandathu ubudala, apho wahlala khona de awabe ubuyela eMitchell’s Plein xa akwisithuba seminyaka elishumi elinanye. Waqala ukuzoba eminyaka isibhozo ubudala ze wathi xa alapho wazifundisa “amaqhinga ohlukeneyo”. Emva kokuba ethabathe ubugcisa njengesifundo ukususela kwiBanga 10, uLeshan wayishiya imizobo waya ekupeynteni. ULeshan uthi ubugcisa yindlela aqhwesha ngayo nemenza “azive engcono ngobomi”.

Ethetha ngomsebenzi wakhe wokupeynta, uLeshan uthi:

“Bendizicingela nje ngomkhwa wamaqela emigewu kwingingqi yam nendlela abantwanaabaselula abaqhathwa ngayo bafakwe kuyo ngenxa yokuba bephuma kumakhaya aqhekekileyo. Wongezahi: “Bendifuna nje ukubonakalisa ukuba umntwana akabulali nje omnye umntu, koko ukwazibulala yena kweso senzo, kuba kaloku akuyi lubuyayo wakungena kwiqela lemigewu.”


UNanette Gordon

UNanette Gordon ngumzobi owazifundisayo, okwayinkosikazi, umama nomakhulu, ophuma kwingingqi yasePacaltsdorp eGeorge. UNanette uhlala komnye wemizi yokugqibela eseleyo ngoku eyakhiwe ngengca nomhlaba ePacaltsdorp, esele yaba likhaya kubakhozi bakhe isithuba seminyaka ngoku. Le mizi, eyakhiwe ngesanti eyenziwe ngeziten zesanti eluqilima, yakhiwa ngabantu ababesakuba ngamakhoboka emva kokukhululwa kwabo. UNanette waqala ukupeynta emva kokudlula kwinto athi yaguqula ubomi bakhe, athi yamqhubela kwezobugcisa.

Umsebenzi kaNanette ongenasihloko uveza ukuxhatshazwa ngokwesondo kwakunye nokudlwengulwa kwamanina ayesakuba ngamakhoboka. Kumzobo wakhe wepeynti, izandla ezimbini ezixhonywe kumagxa omfazi okhalayo zibonakalisa umnini-makhoboka ongumxhaphazi.


UPeter Clarke

Umzobi nombhali owongwe kakhulu uPeter Clarke (2 kweyeSilimela ka-1929 - 13 kwekaTshazimpuzi ka-2014) wazalelwa ze wakhulela eSimon’s Town, apho ahleli khona de usapho lwakhe lwasuswa ngesinyanzelo lusiwa e-Ocean View ngeminyaka yoo-1960. Njengomzobi okwizinga lehlabathi, kunamhla nje imisebenzi kaPeter Clarke ithengisa ngeenkuntyula zeemali, kodwa waqala phantsi. 

Kwisithuba seminyaka elishumi elinanye ubudala, wayesebenza njengomntu opeynta amaphenyane kwanomcoci emini ngelixa aya kwiiklasi zobugcisa eSaint Philips School eKapa kwakuhlwa. Kungekudala, italente yakhe yatsala umdla kaDean Anderson, owayeyintloko yesikolo sokuzotywa kweeplani zezakhiwo e-UCT nowathi weza neminye yemisebenzi kaPeter ze kwangoko waqalisa ukuba yindumasi umfana waseSimon’s Town.  UMathys Bokhorst, owayenguMlawuli weNational Gallery, waqala ukwazi ngaye ze ngonyaka ka-1951 uPeter wathbatha inxaxheba kumboniso wabantu abaliqela e-Association of Arts Gallery eKapa. Kwathi kungekudala emva koko kwalandela umbono weMaskew Miller wokuba enze imihombiso yeencwadi ngemizobo. Noxa ephum’ izandla nje njengomzobi nombhali, uPeter Clarke wayengumntu wabantu ekuhlaleni yaye isithuba seminyaka engamashumi amabini wayeqhuba iimbuzo zokuqeqesha abantwana abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo e-Ocean View. Wayekwayingxenye yephelo iCommunity Arts Project. 

Kudliwano-ndlebe noJoline Young ngo-2009, wathi:

“Ndakhula ndonwabile. Kodwa ke ayekho wona amaxesha anzima, ukunyanzeleka ukuba ndinyamezele intlupheko. Xa ndicinga ngamaxesha eminyaka yoo-1930 yoxinzelelo olumandla, kwanokukhula umntu eminyaka ili-13, 14 ne-15 ubudala ze aqale ukuzibona ukuba uyaphila, ungumntu nezinto ababenazo abantu, owawungenazo wena wanendlela ekwakufuneka uqhube nempilo ngayo zingekho izinto ezithile de ube uyakwazi ukuzithenga ngokwakho, kodwa ke eyona nto intle ngaloo maxesha ayenzima kukuba onke loo mava ayeyingxenye yemfundo yam. Futhi ke, uyazi, iyibumbile ingqiqo yam, indlela endibajonga ngayo abanye abantu,nto leyo isisizathu sokubonakalisa kwam undla kubanye abantu.”


UTony Grogan

UTony Grogan ngumzobi weekhathuni, owemifanekiso kwakunye nompondo-zihlanjiwe wezobugcisa owazalelwa eMonti ngo-1940, apho waphumelela khona ibanga lakhe lematriki eSelborne College. Waye waqhubela phambili ke nemfundo, waya kufunda kwiDyunivesithi yaseRhodes, ze wafundisa iminyaka esibhozo. Esebenzisa igama elitsha, wabhala kakhulu eveza izimvo zakhe ngemeko yopolitiko yaseMzantsi Afrika ngokuthi azobe apapashe kumaphepha-ndaba eli lizwe iikhathuni ezazibonisa ulubo olwaluyigxeka kakhulu imeko. Ukwaziwa njengomnye wabahleli abasebenze elona xesha lide kwiCape Times, ukususela ngo-1974. Imifanekiso kaTony Grogan yemibala yamanzi ngeBo Kaap neDistrict 6 isinika uvimba wemisebenzi yakhe yemizobo ngembali yoMzantsi Afrika, ingakumbi imbali esabalalayo yeKapa, ekwasisihloko senye yeencwadi zakhe. Ngale mizobo, siyakwazi ukubuka imbali yoluntu lwaseKapa kwanabemi bale ngingqi ekungoku nje abasabonelwa ntweni.


U-Amos Langdown

U-Amos Langdown wazalelwa ePlettenberg Bay ngomhla wesixhenxe kwekaCanzibe ka-1930 ze wasutywa kukufa eGqeberha ngo-2006. Noxa ekwayiyo nembongi nje, wayenconywa ngesakhono sakhe “sokugcina isimo esihle phakathi kokuba ngumzobi kwakhe kwanothando lwakhe lokufundisa”. Uthando lwakhe lokufundisa lulo olwakhokelela ekubeni abe yinqununu yesikolo ndawonye nokufunda eHewat Training College eKapa, kwalandelwa oko yiDower Training College eGqeberha. Ngethuba esenza izifundo zobugcisa eMichaelis School of Fine Art, kwiDyunivesithi yaseKapa, umboniso kaLangdown owaqala wawenza yedwa wakhokelela ekubeni anikwe amawonga enkxaso-mali nguRhulumente kunye neCape Tercentenary Foundation ukuze aye kufunda phesheya kweelwandle. Umsebenzi wakhe wakhanconywa wamkelwa kwihlabathi jikelele yaye kungoku nje uninzi lwemisebenzi yakhe eyathengiswa kumazwe angaphandle igcinwe kwithala iSmithsonian Museum eWashington. Ngokwemisebenzi yakhe yobugcisa wenze igalelo lakhe ngeCape Flats ngelixa esenza ukuba iPlettenberg Bay yona ihlale isaziwa, ikhunjulwa njengenkundlana yokuloba ngexesha lokukhula kwakhe. kwanjengeTwo women with Babies esetyenziswe kulo mboniso, uLangdown wayenesakhono esisodwa sokuveza icala eligqwesileyo lobomi babantu ‘obuqhelekileyo’.

Ukwakhunjulwa njengowayekhe wathi,

“Njengokoko ndincinda ibrashi yam kwipeynti, ndiyincida ebomini (soul) bam yaye lowo ungenakho ukuyibuka le nto, akanabo ubomi (soul)."


UCheslyn Brandt

UCheslyn Brandt wakhulela e-Ocean View yaye uthi waqalisa ukupenya eselula. Ngethuba esebenza kwiinqanawa zokuzonwabisa isithuba seshumi leminyaka, uthi “wayesoloko ezibhaqa ezoba nto ngenjongo yokuzonwabisa”. Noxa kunjalo, emva kokusweleka komlingane wakhe gno-2017, wabuyela kumsebenzi wakhe wobugcisa njengendlela yokumelana nentlungu. Kwisithuba seminyaka emibini emva koko, wagagana nengoma awakhe wayithunyelwa kwangulo mlingane wakhe ethi “Ungayipeynta na yonke imibala yomoya?” wawushiya xa kulapha ke umsebenzi wakhe, ze waqalisa ukupeynta njengengcali ukususela ngoko. Njengomntu onobugcisa, uCheslyn uyakonwabela ukuzoba abantu abamnika umdla kwingingiqi ahlala kuyo, yaye uGrysie ngomnye wabo.

UCheslyn uthetha ngolu hlobo ngomsebenzi wakhe:

“Ihambo yam neelwadle kwanokukhulela eKapa kuwunika iimpiko umsebenzi yaye kundipha amandla okuzothusa mna kuqala mihla le. Ndisafunda yaye ndisavavanya, ndisebenzisa amacebo ohlukeneyo, namathuba okukhula …”


UTyronneAppollis

UTyronne Appollis wazalelwa eKapa ngo-1957. Ungumkroli, umzobi, imvumi nembongi emsebenzi uveza imingeni yobomi bemihla ngemihla kubasebenzi beli lizwe, ingakumbi kwiiCape Flats. Emva kokufumana uqeqesho eCommunity Arts Project engasekhoyo ngoku phakathi kuka-1982 no-1987, u-Appollis wakhe wathabatha inxaxheba nasekusekweni kweMitchells Plein Art Group ngo-1988. U-Appollis uphumelele uthotho lweembasa yaye imisebenzi yakhe yobugcisa ivele nakumaqweqwe eencwadi zababhali abadumileyo abafana noRichard Rive, u-Alex la Guma no-Ari Sitas. Omnye weyona misebenzi yakhe ibe nendumasi kakhulu ngumzobo wepenynti i“Freedom of the City” kanyawontle uBishop Tutu awayecelwe siSixeko ukuba awenze ngo-1997. 

Kumzobo weplanga iMother and Child sicelwa ukuba sime ze siqwalasele imingeni yempilo yosapho, ingakumbi ubudlelwane obuphakathi kukamama nomntwana, ngethuba lobukhoboka.


U-Albert de Jager

U-Albert de Jager wazalelwa eBloemfontein ngomhla we-18 kweyeThupha ka-1925. Emva kokuphumelela ibanga lematriki ngo-1948, waye waya kufunela ezobugcisa eTechnical College eBloemfontein. Wayengumhleli wezobugcisa weLandbouweekblad kunye neThe Friend. Wayekwangumhlalutyi womculo kwanomzobi weekhathuni kuthotho lwamaphepha-ndaba neemagazini. UDe Jager wapeynta izakhiwo eziyindumasi, iikhotheji kunye neemihlaba, ingakumbi ngemibala yamanzi. Akukho nto ingako ibhaliweyo ngekhono likaDe Jager njengomntu onobugcisa, kodwa ken go-1986 kufumaniseka ukuba wakhe wanomboniso wakhe yedwa e-Atlantic Art Gallery eKapa.

Kumzobo wakhe ontlantlo-ninzi obizwa kuthiwe On Wash Day, ude Jager uveza ukubaluleka kokuphilisana koluntu eBo Kaap. Oomama baxhoma ivasi ukuze yome kwiingcingo ezisetyenziswa ngumntu wonke ekuhlaleni, ngelixa abantwana bona bezidlalela nje benganakanga nto.