Cape Town Museum

View Original

Iinkumbulo zaseMamre

Image: Sam Nagy

Ngentsebenziswano neKomiti Yelifa Lemveli laseMoriva eMamre, ngo-2019 iZiko Lolondolozo Lwembali laseKapa lathi labhiyozela uMhla Wesizwe Welifa Lemveli kwiSikhululo SeMishini yaseMoriva esiseMamre. Njengenxalenye yalo msitho, uthotho lwabahlali lwabelana ngamabali neenkumbulo zabo ngeMamre.


USara Elizabeth (UBaby) Robberts-Adams

Igama likamama wam yayinguRuth yaye waleliMuslim. Igama lakhe lesiMuslim yayinguGaliema Davids ze utata wam yena abe nguMkrestu. Igama lakhe yayinguJohn Adams yaye wayehlala eDistrict Six. Utata wayeyinzalelwane yaseMamre.

Ngaphambi kokuba size eMamre nasemva kokududulwa eDistrict Six, sasinokuhlala eKensington kuphela. Umama wathi uza kuya eMamre yaye wayefuna ukubakhulisela eMamre abantwana bakhe. Ndandineshumi elinesithandathu ubudala ukufika kwethu eMamre. Umama wathi angathanda ukuya kuhlala kwindawo awayehlala kuyo umazala wakhe, kwaba ngenxa yeso sizathu ke ukufudukela eMamre.  

Ngexesha umama etshata utata esenguGaliema Davids waye waguqukela kwinkolo yobuKrestu ze umakhulu wamnika igama elinguRuth.


Adriaan Jonker

Umama wam wayeliQhakancu okanye ke wayephuma kumnombo wamaQhakancu futhi sasikwazi ukuza nosapho lwakhe sibuyele umva siye kuma ngeminyaka yoo-1600. Nkqu nangaphambi kokufika kukaVan Riebeeck eKapa imbali yosapho lwethu yayisele isaziwa, iselugcinweni.

Utata wam yena, owayegama lingu-Arthur Karel Jonker, wayenosapho ekwakunzima ukuluchana. Kodwa ke ndingathanda ukumwonga utata namhlanje ngoba waba nefuthe elikhulu kule dolophu. Wayengutitshala, wayezimanye nenkonzo, ikwayala yohadi, ikwayala yenkonzo, iqela labalobi, iqela lentenetyafuthi wakhe wadlala nombhoxo ngeentsuku zakhe.

Utata wazalwa ngo-1929 ezalelwa ePella. Utata wayenayo imatriki yaye wayefundele ubutitshala eWesley Training College. Wabuya ze wasebenza njengotitshala kwisikolo sasePella. Utata wayefundisa iZibalo noMculo.

Utata wathwetyulwa bubuhle bentombi yamaQahakancu eyayisuka eLouwskloof kodwa wahlala ePella (iPella ikufuphi kakhulu kula fama). Bazimanya ngeqhina lomtshato ngo-1954 ze balizwa ngabantwana abahlanu. Ndandinguntondo. Waye wafumana nenye intombi yangaphandle wazikhulisela ngo-1975, yasenza loo not salusapho olunabantwana abathandathu. Utata wasutywa kukufa ngomhla wama-31 kweyoKwindla ka-1984 ebudala bungamashumi amahlanu.


UMaria (uRietie) Arnold

Utata nomama wam babehlala eMamre yonke le minyaka. Sasikukuphela kosapho lwakwaDe Kock eMamre futhi ke ngoku ndim ndodwa osaseleyo.


uJohanna (uJoan) Favilli

Ndisuka eMamre, ndazalelwa khona. Usapho lwam luhleli eMamre isithuba seminyaka engamashumi amathandathu ananye. Abazali bam kwakunye nabo bandikhulisayo babehlala eMamre yaye ndinalo ulwazi lwezizukulwana ezithathu ezazihlala ngaphambi kwam apha eMamre.

Utata wayesebenzela iBhunga leSixeko yaye wayebuya ekhaya rhoqo emva kweeveki ezimbini. Ngaphambi koko, utata wayesebenza elwandle ze umama yena ahlale ekhaya ekhulisa abantwana yonke loo minyaka. Utata wathabatha umhlala-phantsi xa ebudala buyiminyaka engama-60. Emva koko, wakhuthalela isitiya sakhe ekhaya. Watyala imifuno kunye neentyatyambo zakhe.

Kunamhla nje, uninzi lwabantu basebenza esixekweni nase-Atlantis. Nam ndakhe ndasebenza imnyaka kwivenkile eyayithengisa impahla esixekweni.


UDavina Facolyn

Ndiyinzalelwane yaseMamre, ndakhulela eMamre futhi ndisahlala eMamre.

Kukho ixesha apho utatomkhulu wam wayeyeyona ndoda indala eMamre. Wayeneminyaka engama-98 ubudala. Wabuphila eMamre bonke ubomi bakhe yaye kwanabazali bam bakhe bahlala eMamre ngaphambili. Unesitiya yaye uvelisa ubusi namagwava.

Ndafunda kwiSikolo Samabanga Aphantsi saseMoriva esiseMamre. Sasisiya ngaphandle kwezihlangu okokoko ke esikolweni – ebusika nasehlotyeni. Elona xesha sasikwazi ngalo ukunxiba izihlangu zethu kwakungomhla wokuzalwa kwaloo mntu nangeentsasa zangeCawe xa sisiya enkonzweni.


Image: Cape Town Museum, Western Cape Department Cultural Affairs and Sport.

Ubuntwana baseMamre

Ngezo ntsuku indlu yakho yayiba ngaphambili ze isitiya sona sibe ngemva. Kodwa ke kwiSitalato iLouwskloof indlu yayiba semva ze isitiya sona sibe ngaphambili. Satyala amaplamsi, amapere, amagwava kunye nemifuno. Njengomntwana, ndandiqhele ukuya kuthenga amafutha esibane evenkileni kuba sasingenambane. Ndathi ndaqala ukuya kuba amagwava emithini okanye xa yayilixesha lamaplamsi ndandiqala ndibe amaplamsi ngaphambi kokuba ndiye kungena evenkileni ndithenge amafutha esibane. – nguDavina Facolyn

Ndikhumbula kuloo mihla yakudala kwakufuneka sithabathe i-emele siye kukha amanzi kude nekhaya. Sasiwakha etankini ekuseni la manzi ngaphambi kokuba siye esikolweni. Nasehlotyni ke kwakufuneka siye kuthezeIa abazal bethu emva kwemini. - nguMaria (Rietie) Arnold

Mamre in the 70s. Image: Revel Fox and Partners

Image: Revel Fox and Partners

Sasisoloko sidlala imidlalo abangasayidlaliyo abantwana kuyile mihla nje. Ndandisoloko ndidlala ngezitena ze ndafundiswa nokwenza izitena. Abantwana bale mihla abasadlali – bakhetha ukuhlal ngaphambi komabonakude. Sasidlala, sileqaleqana, sidlala undize yaye yayindim ndodwa intombi phakathi kwamakhwenkwe angabantakwethu. Ndicinga ukuba abantwana bethu baphoswa yinto eninzi, ingakumbi abo bakhulela ezidolophini. - nguDavina Facolyn


Mamre in the 60s. Image: John Rennie

Usuku lwasemva Krismesi

Emamre usuku olusemva kwekrismesi lwaluphole kakhulu ngoba wonke umntu wayesiya elwandle. Futhi ke abo babenezithuthi babepakisha izinto zabo baye kuhlala ezindulini zesanti. Kwakulapho iiNduli zase-Atlantis zikhoyo namhlanje. Umama wayesenzisa le nto ngayo yonke iminyaka ngala mhla ulandela ikrismesi ngoba sasingenasithuthi. Sasihamba ke siye kudlala ezindulini. Sasikhwela kwiibhokisi zeekhathuni sidade ngazo. Ukutshona kwelanga, sasiye sibuyele ekhaya nabanye abantu ababesuka elwandle apho. Sasingazi nto ingako ngokuya elwandle. - nguDavina Facolyn


Image: Revel Fox and Partners

Ukukhula ngeminyaka yoo-‘80

Kwakukula minyaka yoo-'80 ukufumana kwethu umbane. Ukukhula kwam, kwakufuneka sibe sendlwini ngaphambi kwentsimbi yesithandathu malanga. Ndandiye ndihlambe ke kwenye yeza bhafu zinkulu zenziwe ngezinki. Emva koko sasiye siphulaphule unomathotholo, inkqubo esasiyiphulaphula kusoloko kuyiDaily Devotion. Emva kweDaily Devotion, kwakufuneka siye kulala ukuze abazali bona baqhube nokuphulaphula unomathotholo. - nguDavina Facolyn


Image: Revel Fox and Partners

Iinkumbulo zokulwisana nenkqubo yengcinezelo

Ngeminyaka yoo-1960, uPieter Daniel Johannes wanikezela ngendawo yokuncathama kumalungu e-ANC isithuba senyanga ezilishumi kwifama eyayiseMamre.

Ngaphambi kwetyala laseRivonia, i-ANC yeza kuzimela kule fama [iLouw Valley], ngoba babezihlanganisile ze bafumana nabantu abakwiNtshona Koloni ababefuna ukuncokola nabo. Utatomkhulu wam wabapha indawo yokuncathama. Wayenabelusi ababebabeke esweni nababemnika ingxelo xa kuthe kukho inguqu okanye kwakho ubuzaza obuthile. Mhlawumbi ke bemka. Afika wona amapolisa ze abamba abanye babo ze babaphosa emva kuloo migqomo yawo. Ngela xesha kwakukho i-ofisi yebhunga ngoko ke bathathwa basiwa ze bahanja-hanjiswa ngaphmbi kwe-ofisi leyo yebhunga. Kwaxelelwa wonke umntu ukuba abo bantu babezimele emahlathini apho. – ngu-Adrian Jonker


Image: Revel Fox and Partners

Image: Revel Fox and Partners

Iminyhadala Yenkolo

IPasika

Iintsuku ezazikhethekile kwikhalenda yenkonzo ecaweni yethu ziqala rhoqo kwiveki engaphambi kwePasika. Sasiyibiza iVeki Engcwele yaye yayiyiveki apho sonke kwakufuneka siyile enkonzweni rhoqo ngorhatya. Sasinencwadi ethile esasiyifunda mihla de kube ngeCawe.

Usuku lweCawe yiCawe Yamahlamvu futhi ke ngale iCawe abantu abadala bangqina inkolo yabo. Sibabiza amangqina angqiniweyo. Icawe elandelayo yiPasika yaye ngoMgqibelo siya emangcwabeni sifike sicoce amangcwaba. Siwahombisa ngeentyatyambo ze ngentsasa yangeCawe, amaxesha amaninzi ngentsimbi yesithandathu ekuseni, siya emamngcwabeni sifike sibambe inkonzo emfutshane. Emva koko sonke senza siya kule holo [iLoben Hall] ze siphiwe ikofu kunye namaqebengwane. Emva koko siyagoduka ukuze silungele inkonzo ngentsimbi yeshumi kwangentlazane. - nguJohanna (uJoan) Favilli

_

Siya emangcwabeni ngemiGqibelo ukuya kucoca amangcwaba yaye kuyinto entle ukuyenza minyaka le. Ikwa lithuba lokubona zonkeizihlobo zethu zasesikolweni. Xa sisiya emangcwabeni, sisoloko sinokutya neziselo zethu futhi ke siyahlala sincokole senze nezinye iinkumbulo. Ngentsasa yangeCawe sibuya emangcwabeni kwakusasa ze siye kule holo [iLoben Hall] apho wonke ubani athi afumane ikomityi yekofu kunye namaqebengwane. Emva koko, kuyagodukwa ze kulungiselelwe inkonzo yokudumisa.

Bonke abantwana bancedisa ekwakhiweni kwale holo yaye safundiswa ingumhlaba ongcwele. Sasisithi sakungena kumasango esikolo, siyeke ukuthetha ze sithi ngoko nangoko emva kokudlula evenkileni, sasingaqalisa ke sithethe kwakhona. - nguDavina Facolyn


Umnyhadala Wabantwana

Image: Genadendal Museum

Ngenyanga yeThupha, kubhiyozelwa "iKinderfees" (enguMnyhadala Wabantwana). Umnyhadala Wabantwana ubhiyozela ukuguquka ngokwenkolo kukaSusannah Kühnel eJamani kwisithuba samakhulu amathathu eminyaka. Ukuzinikezela kweli qhawekazi kuKrestu, okwachukumisa uninzi lwabantwana ngethuba elokuphila kwakhe, kubhiyozelwa minyaka le (ngowona mhla weCawe usondeleyo kumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yeThupha) kuthotho lweenkonzo zaseMoriva. Olu suku luphawulwa ngenkonzo yabantwana ekhethekileyo, ukuvuma kweekwayala kwanokuhonjiswa kwenkonzo ngeentyatyambo zasendle.

Umnyhadala Wabantwana wawulelinye lawona maxesha ayemnandi. Umama wakho wayekuthengele impahla entsha akwenze neenwele. Esikolweni, wonke utitshala wayesifundisa ingoma ekwakufuneka siyicule siyiklasi, ze emva koko sifumane iroli yehotdog esasisoloko siyilangazelela.

Abantu bezinye iindawo nabo babesiza ukuza kusibukela sicula. Umnyhadala Wabantwana uba ngomhla we-17 kweyeThupha. Uba ngowabantwana ze ngomhla we-13 kweyeThupha ube ngowabantu abadala (umnyhadala wesidlo sothando). Kukwakho nomnyhadala wabantwana oququzelelwa siSikolo sangeCawe. - nguRietie Arnold

_

Ixesha loMnyhadala Wabantwana laliyinto entle kum. Ngongcwalazi lwangoMgqibelo lonke ibandla lalifika lize sichithe imva kwemini emasimini, sisikha iintyatyambo sisenzela intsaa yangeCawe. Umnyhadala Wabantwana ngomhla we-17 kweyeThupha, okulusuku awanikela ngalo intliziyo yakhe kwiNkosi uSusannah Kühnel, yayilusuku olukhetheke kakhulu. Kungolo suku ekwakunxitywa ngalo impahla entsha key aye umama wakho wayekwenza iinwele, sicule nokucula enkonzweni. - nguDavina Facolyn


Image: Revel Fox and Partners

Ukuncedwa kwabahlelelekileyo baseMamre

Umnyhadala Weentengiso

Minyaka le siba nomnyhadala weentengiso enkonzweni ngeCawe yokuqala yenyanga yeNkanga. Kulapho ke sithi thina njengebandla sisebenzisane sibe yimbumba. Enkonzweni, sahlulahlulwa sibe ziiwadi esihlala kuzo ze sisebenze ukususela ngenyanga yoMqungu ukuya ukuya kweyeNkanga ngenjongo yokuzama ukuqokelela imali eza kusetyenziselwa lo mnyhadala weentengiso. Ininzi intlupheko kule ndawo yaye sisebenzisana sonke ngenjongo yokuqinisekisa ukuba iinzame zenkonzo yethu kunye nalo mnyhadala weentengiso zibe yimpumelelo. - nguJoan Favilli

Image: Revel Fox and Partners

IKomiti yaseMamre

Ngumakhulu wam namanye amanina amathathu athi aseka lo mbutho. Kulo nyaka umbutho lo uneminyaka engama-68 ukho. Wonke umntu ngoku sele eqalile ukuba lilungu lalo Mbutho yaye ke kungoku nje lo Mbutho wenza kakhulu kwingingqi yethu. Uyayiphokoza intlalo-ntle nezibele kwabo bahlelelekileyo. Minyaka le sinika phantse ukufikelela kubantu abangama-300 idinala yeKrismesi eholweni njengoko yokubabulela. - nguBaby Roberts


Umfanekiso: ngoweZiko Lolondolozo Lwembali eKapa, kwiSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo.

Iinkumbulo ngamachiza kwanokunyanga

Umakhulu wam wayelelinye lamalungu okuqala eSikolo sangeCawe saseMoriva eMamre kule nkonzo – wayengugqirha kule ngingqi, engumongikazi, enonophela imizimba, enikezela neengcebiso. Wonke umntu wayekwazi ukuza kuMakhulu uSerra nangantoni na.

Umakhulu wayebaphilisa ngamachiza omthi ongumhlonyane wasendle wase-Afrika. La ke ngawona machiza aphambili awayewasebenzisela ukunyanga abantu. Sasisoloko sisoyika kakhulu ukutsho xa umntu enentloko ebuhlungu okanye naliphi na ilungu lomzimbangoba umakhulu wayeza kusinika lo mhlonyane. - nguBaby Roberts


Ukuba unawo amabali okanye imifanekiso ngeMamre ongabelana ngayo nathi, singathanda ukuva kuwe! Ungaqhakamshelana nathi kwiwebsite yethu (kwiqhakamshela leenkcukacha zoqhakamshelwano), kwiqela lethu likaWhatsApp (kwikhonkco), okanye ke kwiQela likaFacebook leZiko Lolondolozo Lwembali laseKapa (kwikhonkco).