Cape Town Museum

View Original

UJohaar Mosaval


Ukusuka eDistrict Six ukuya kwiRoyal Ballet

IDistrict Six njengeHarlem yaseNew York ikwanolwayo “uHlobo lweHarlem” okanye uyolo lwezenkcubeko. Ababhali, abaqambi, abafoti, abenzi beefilimu, abadlali beqonga, iimbongi, iimvumi, abadanisi, amatsha-ntliziyo ezentlalo nezepolitiki kwakukowawo apho aze angena edubuleka kwiqonga lezehlabathi kodwa avinjwa ithuba lokunkcenkceshela isakhono sawo kwilizwe looyise. Zimbalwa ezinye iindawo ezinokuzigwagwisa ngentlaninge yesiphiwo nefuthe elinjengeli. Singathi yayingummangaliso, xa sicinga ngentlungu eyayijongene naba bantu.

IZiko iHyman Lieberman neMarion kule District yayingamaziko ezenkcubeko abalaseleyo. Xa usihla ngendlela iQela i-Eoan yayiliqonga elazala iintshatsheli ezininzi ezifana nooJohaar Mosaval owaqalisa isakhono sakhe somdaniso webhaleyi apho. Eso yaba sisiqala sohambo olwamkhokelela kwisikolo iRoyal Ballet Opera School eLondon nokuthi abe ngumdanisi obalaseleyo kwiRoyal Ballet.

Ngenene, into eyaba ziintloni kurhulumente woCalu-calulo nabasemagunyeni besiXeko, nento eyaba yintlungu kubantu beDistrict Six, indawo eyayilikhaya labantu abangaphezu kwama-60,000 yaba kutshatyalaliswa kwayo baza abantu bakhona bafuduswa ngetshova phantsi kwenkqubo yoCalu-calulo yokutshayela iintlanga kwesi siXeko.

Amagama abantu bale District nezinto abazifezekisayo azipheli emilonyeni yabantu: oo-Abdullah Ibrahim, ooBasil Coetzee, ooLennie Lee, ooBea

Benjamin, ooZane Adams, ooHotep Galeta, oo-Alex la Guma, ooRichard Rive, ooRozena Maart, oo-Adam Small, ooTaliep Petersen, ooGeorge Hallett, ooGregoire Boonzaier, ooSandra McGregor, ooJames Matthews kwanooTrevor Jones xa sibala nje imbinana yaloo magama.

UJohaar Mosaval wazalelwa eDistrict Six eKapa ngomhla wesi-8 kuJanuwari 1928 yaye wayengomnye wabantwana abalithoba kowabo. Usapho lwakhe lunemvelaphi yamakhoboka awayephuma kuMzantsi Mpuma we-Asiya. Athathwa njengamakhoboka kwisiQithana sase-Indonesia ngenkulungwane ye-17 neye-18 aza athengiselwa i-United Dutch East India Company (iVOC). Aziswa eKapa njengabasebenzi, eza kuba ngamagcisa kwanezicaka emizini, abokhi kwanabasebenzi basezifama. Ibali likaJohaar lokufikelela ezinkwenkwezini nokuba yintshatsheli, libali elikhulu loloyiso phezu kwalo nje uCalu-calulo nentlungu.


UDulcie Howes

UDulcie Howes, yimbalasane enendumasi kwiqonga lezemidaniso eMzantsi Afrika, eyathi yangenela umnyhadala wesikolo samabanga aphantsi waza wagqibela sele esiya kwisikolo i-UCT Ballet School ukususela ngo-1947 ukuya ku-1949. Le nto yayizityulwa ngelo xesha ibe yagxekwa yaza yabhebhethwa kanobom ngabelungu. UJohaar wayekwaphantsi koxinzelelo losapho lwakhe olungamaSilamsi olwalusadla ngendeb' endala kuba kaloku umdaniso wawujongwa njengento engahambisaniyo tu nobuSilamsi. Kwakhona yayingeyonto elula kwaphela kuMosaval ukuba abe kuphela komntu webala kweli ziko naseklasini. Ulikhumbula kakuhle elo xesha:

"Ngelo xesha lwalugquba ngamandla ucalu-calulo kwaye ndandiphatha ndiyeka. Wawaqhawula amatyathanga obuhlanga ngokundisa kwiiklasi zebhaleyi. Kwakufuneka ndime ngasemva eklasini. Abafana babelungu babeman' ukundigxelesha xa kusenzeka ndizibone sendingaphambili.”

Phezu kwayo nje imigudu kaHowes, uCalu-calulo lwamthintela uMosaval ekulandeleni isakhono sokudanisa kwilizwe looyise njengoko kaloku imizi yemidlalo yeqonga kwanamaqonga 'ayengawabelungu kuphela'. Kodwa wafumana isiqabu ngo-1950 xa wathimba ingqalelo yabadanisi ababini abadumileyo bebhaleyi ababetyelele - u-Alicia Markova no-Anton Dolin. Bamfunela imali yokufunda uMosaval ukuba aye kwisikolo iSadler’s Wells Ballet School eLondon. Kwisithuba nje sonyaka wenza inkqubela waya kuzimanya nesikolo iRoyal Ballet School kwaye kwisithuba somnye unyaka waphumelela esiya kwiRoyal Ballet Company. Ngo-1953 uJohaar Mosaval ityendyana lomfana waseDistrict Six wayesekhondweni lokuba ngumdanisi webhaleyi onendumasi.

Ngo-1956 uMosaval wanyuselwa ukuba adanise yedwa ekuthwesweni isithsaba kweNkosazana esisiKhakhamela iNkosazana u-Elizabeth II kwiCovent Garden. Kwababekunye naye apho yayiludederhu lwezihandiba zabantwana begazi eziphuma kulo lonke ihlabathi kwanezinye iinkokeli ezininzi zehlabathi. Uthi:

“Uvutho-ndaba kwisakhono sam yayikukukhethwa ukuba ndidanise ndodwa okokuqala ngqa kwiRoyal Ballet, kumculo we-ophera iGloriana eqanjwe ngokhethekileyo nguBenjamin Britton ukwenzela eso sihlandlo sokuthweswa isithsaba kweNkosazana esisiKhakhamela iNkosazana u-Elizabeth II.”

Ngo-1960 uMosaval waba ngumdanisi ophambili yaye ngo-1963 wabekwa kudidi lwabaphambili kunye nootshotsh' entla babadanisi abafana nooDame Margot Fonteyn, ooRudolf Nureyev, ooDame Beryl Grey, ooNadia Nerina kwanooSvetlana Beriosova. Ngo-1965 wayengumdanisi ophambili ophezulu, umntu wokuqala webala ukuba nesi sikhundla, ekhenketha ihlabathi kunye neRoyal Ballet, ebambisene nabadanisi abaziwa kakhulu abanjengooMargot Fonteyn, ooSvetlana Beriosova, ooLynn Seymour, ooMerle Park, kwanooNadia Nerina owayengowaseMzantsi Afrika. Wayengavumelekanga ukudanisa noNerina kwilizwe lakhe lokuzalwa. Wayekwimidaniso yeebhaleyi eyayibhexeshwa nguFrederick Ashton, uKenneth MacMillan, uNinette de Valois, nabemi baseMzantsi Afrika ababini, uDavid Poole kwanoJohn Cranko.


Compared with Nijinsky

Xa ethelekiswa noNijinsky ukubalasela kukaJohaar Mosaval njengomdanisi onendlela yakhe eyohlukileyo kwambeka kumanqwanqwa aphezulu kooxholovane. Okwabhalwa ngumhlalutyi ngokudlala kwakhe njengoPuck ngo-1967 kuthi; "UPuck ubonakala enzelwe kanye uJohaar Mosaval. Isakhono sakhe esicacileyo sokunqumama phakathi kumboniso ohlab' umxhelo kwenza umntu acinge ngento efanaya ethethwa ngoNijinsky." Ngo-1975 ubomi bukaMosaval batshintshelwa ekufundiseni njengoko wayesidl' umhlala-phantsi ekudaniseni waza waba ngumdanisi wokuqala ukugqiba iDiploma yokuFundisa abaDanisi abaziiNgcali kwiziko iRoyal Opera House.

Kwakhona wafumana nembasa eyiWinston Churchill Travelling Fellowship kuMama oyiNkosazana yaseBritani, into leyo eyamenza wafundela umdaniso nomculo we-jazz wezi mini kwelase-United States.

Isakhono sakhe esibalaseleyo kwiRoyal Ballet sathatha iminyaka engama-25 yaye uJohaar Mosaval wabuyela eKapa ngo-1976 ezele ziinkumbulo ezimyoli. Ukanti akazange walilibala iqela i-Eoan kwaye ngaphambi kokuba abuyele apha ngokusisigxina wavuyiswa kakhulu kukudlalela abantu balapha ekhaya izihlandlo ezimbini 'kwiPink Lemonade’ kaDavid Poole 'nakwi-The Square’ eyadidiyelwa liqela i- Eoan.

Emva kokubuyela kwakhe umphelo eKapa, lo kaMosaval wakha wathi tshee njengondwendwe kwiCapab Ballet edlala indima eyintloko kaPetrouchka – esiba ngumdanisi wokuqala ontsundu ukudlala eNico Malan Opera House eyayiyeyabelungu kuphela (ngoku eyi-Artscape). Wayekwangumntu wokuqala ontsundu eMzantsi Afrika ukuvela kumabonakude walapha ekhaya. Kodwa ngelilixa la yayibonakala ingamathuba axela inguqu, lo kaMosaval wayeseza kubon' izinto zamehlo.

Ukubuyela kwakhe umphelo kwenzeka kanye kwelinye lamaxesha engxuba-kaxaka eMzantsi Afrika njengoko izizukulwana ezitsha zolutsha zazidikwe yeyokosa lilizwe elilawulwa ngabantu kwaneengcamango ezivalela amaphupha abo enkqubela. Ugwayimbo lukazwelonke lwaqhambuka eSoweto lwaza lwanwenw' okomlilo wedobo ukuya kuma ngeKapa. Ngoko nangoko uMosaval wenza into eluncedo ngelokukhawulelana namaphupha abantu abaselula.

UMosaval wavula esakhe isikolo sebhaleyi ngo-1977 yaye waqeshwa njengomntu wokuqala webala ukuba abe ngumHloli weBhaleyi phantsi koRhulumente omdala. Ukanti wakhawuleza washiya apho xa wafumanisa ukuba wayeza kusebenza nabantu 'abaluhlanga lwakhe’ qha. Ngenxa yesi senzo semvukelo isikolo sakhe sebhaleyi savalwa ngurhulumente wocalu-calulo kuba kaloku sona sasingazahlula-hluli 'iintlanga'.


IiMbasa eziNinzi

UMosaval walandela intliziyo yakhe nemigaqo engenabuhlanga ekuziseni isiphiwo sakhe esingummangaliso, amava nokuthanda kwakhe ibhaleyi kubo bonke abantu abaselula ngenjongo yokukhupha laa mlilo ofihlakeleyo kwanesiphiwo abanaso. Waqhubeka efundisa naphina apho wayemenywa khona okanye naphina apho wayefumana khona indawo yokwenjenjalo.

Ukwamkela kukaMosaval iMbasa ye-ACT Lifetime Achievement kwaba sisishwankathelo sezinto azifezekisileyo, kwaphinda kwavakalisa amathemba anawo ngezizukulwana ezizayo –

“ukuthi, uBugcisa nezenkcubeko zizinto engundoqo ebomini bam, yaye yinxalenye ebalulekileyo yelifa lemveli loMzantsi Afrika, lifa elo ekufuneka silibonise abanye. Ithemba lam kukuba abadanisi abaselula bawenze la maphupha ukuze bahluthise le ndlala yezobugcisa, baze bawenze la maphupha ngokusemagqabini nangondiliseko nangobuhle babo."

Ezi zezinye zeembasa zikaJohaar Mosaval:

  • IDiploma yokuFundisa abaDanisi kwiRoyal Opera House (Ngo-1975).

  • IMbasa kaWinston Churchill (Ngo-1975).

  • IMedali yeSiliva yeNkosazana u-Elizabeth II ngenxa yeenkonzo zakhe zebhaleyi kwelase-United Kingdom (1977)

  • IMbasa yezoBugcisa, iNkcubeko, kwaneLifa leMveli eNtshona Koloni (Ngo-1999).

  • KwiPhono leNtshona Koloni – IsiQinisekiso sokuNconywa yiNkulumbuso (Ngo-2003).

  • ICape Tercentenary Foundation – IMedali yeGolide kaMolteno (Ngo-2005).

  • IsiXeko saseKapa - Imbasa iCivic Honours Award.

  • INgxowa yezoBugcisa neNkcubeko – Imbasa yeziNto aziFezekisileyo eBomini ekuDaniseni (Ngo-2016).


ImiThombo eCatshuliweyo

  • USirhan Jessa: UkuVuselelwa kweLifa leMveli lezeNkcubeko eDistrict Six – Indlela enobuchule yezokhenketho; Inkqubo yesiDanga see-Masters - IYunivesithi yeTeknoloji yaseKapa; (Ngo-2015)

  • UHorst Koegler; UMosaval, Johaar – Isichazi-magama seBhaleyi sase-Oxford, uhle. lwesi-2; Oxford University Press (Ngo-1982).

  • UMarina Grut; IMbali yeBhaleyi eMzantsi Afrika; UHuman & noRousseau; eKapa; (Ngo-1981)

  • UDenis-Constant Martin; Ukubhengeza iKapa - Umculo, ukuZazi neePolitiki zoMzantsi Afrika; Iingqondo ze-Afrika; eKapa; (Ngo-2013)

  • IWikipedia; UJohaar Mosaval: https://en.wikipedia.org/wiki/Johaar_Mosaval

  • UHilde Roos; Ukudidiyelwa kwe-Opera eNtshona Koloni - amaqhinga ekuphandeni imveli; Inkqubo yesiDanga sobuGqirha; IYunivesithi yaseStellenbosch; (Ngo-2010)

  • UCiraj Shahid Rassool; UmNtu, ibali laKhe siQu/nebali elingaye kwaneMbali eMzantsi Afrika; Inkqubo yesiDanga sobuGqirha; i-UWC; (Ngo-2004)