NguJames Barry

Ngenkulungwane ye18 – ukuya kweye-19

Umzobo kaGqir. James Barry. Umfanekiso: yiWelcome Library, eLondon

“Musa ukuyisela iso eyokuba ngumfana osemtsha lo uthetha apha, kodwa nika ingqwalasela eyokuba ingaba ingxoxo yam nawe yeyendoda enomqondo na,” nguJames Barry kwicandelo lemibulelo kwingxelo yake yophando yezonyango.

Wazalelwa eMerchants Quay e-Ireland, uMargaret Buckley wathi wazakhela igama kubuKumkani yaseBrithane njengommhlinzi womkhosi, kodwa engafiki kuMargaret Buckley.

Icandelo lezonyango lalivaliwe kumantombazana kwinkulungwane yeshumi elinesibhozo nenkulungwane yeshumi elinethoba, ngoko ke imbi eyayiseze

ngubuso ezweni, uMargaret owayenamashumi amabini eminyaka ubudala, wazenza inkwenkwana eneshumi elinambini leminyaka eyayisaziwa njengoJames Barry, neyayingunyana kaninalume wakhe owayesele walandulela eli nowayekwabizwa kwangelo gama. UJames Barry wamkelwa kwiSikolo sezoNyango sase-Edinburgh ze emva kokusiphumelela isidanga sobugqirha, uBarry wafudukela eLondon apho waya kugqibezela khona uqeqesho.

Kubomi bakhe noluntu kwanobabucala, uJames Barry wayephila njengendoda ze wamkelwa kwangolo hlobo, noxa wayemfutshane nje, ubuso bakhe obabumpuluswa nelizwi lakhe elalitswini. Wazibandakanya nomkhosi waseBrithane njengomncedisi wasesibhedlele owayesebenza eChelsea nasePlymouth ngaphambi kokuba asiwe eCape of Good Hope ngo-1816. Wafika eKapa njengomncedisi wasesibhedlele kodwa kwathi kungekudalanga wawenyuselwa njengogqirha weRhuluneni uLord Charles Somerset, ze kwangelo xesha wonyuselwa njengomhloli wezonyango kwezobukoloniyali.

EKapa, uBarry wenza uqhaqho lokuzalisa lokuqala e-Afrika olwaba yimpumelelo apho umama nomntwana baphilayo. Eyona nkxalabo yakhe yayiphambili ngabantu ababengahoyakelanga Phakathi koluntu yaye wayezinikele ekwenzeni iinguqu kwicandelo lezonyango lothotho lwezibhedlele zaseKapa kwanakwiKoloni ngokubanzi.

UBarry wasifumama isizathu somgangatho ophantsi wamanzi eKapa, owawungunobangela wezigulo. Wasebenzela ukuphucula iimeko zabo babegula liqhenkqe eHemel en Aarde, kwakunye neemeko zamabanjewa ndawonye nezamajoni. Emva kokwenyuselwa njengogqirha ongumtyandi ngo-1827, uBarry wachitha ishumi leminyaka esebenza eKapa ngaphmbi kokuya kusebenza eMauritius, eJamaica, eWest Indies, eMalta, eCorfu, eSt Helena naseCanada.

UJames Barry wazuza isikhundla esilandela esona siphezulu esinikwa ugqirha emkhosini, esokuba nguMhloli-Jikelele. Kukhuko lwakhe lokufa, uBarry wanyanzelisa ukungcwatywa ngeempahla asutywe kukufa ezinxibile. Kodwa ke, lo myalelo awuzange unanzweze umfazi owayecocela umngcwabo umzimba wakhe wabhaqa wabhaqa kanti uBarry lo wayengowasetyhini.

Previous
Previous

Catharina Ras

Next
Next

Ngu-Olive Schreiner