Ngu-Olive Schreiner
Ngenkulungwane ye-19 – kweyama-20
Ifoto ka-Olive Schreiner. Umfanekiso: J4739, ngoweNkonzo Yoovimba Namakrekhodi kwiNtshona Koloni
“Akukho mfazi unelungelo lokutshata indoda ukuba kufuneka azibhenqele yona de aphume isimilo.”
Kubaninzi, u-Olive Emilie Albertina Schreiner, wayengoyena mbhali wokuqala weenoveli wayeyimbalasane kuMzantsi Afrika. “Ibali leFama yase-Afrika” yayiyinoveli eyayiyindumasi ze igorhakazi layo, uLyndall, eziphethe ngohlobo lwemigqaliselo awayekholelwa kuyo u-Olive. Esebenzisana igama lokubhala elinguRalph Iron, wayikhupha le noveli ngaphandle kokulinda ukuba bamazi abafundi bayo. Kungekudala yathengisa kakhulu kwiMelika ekuMantla ngokuanzi, eNgilani, naseYurophu. Waphela evela ke emva kokupapashwa kwencwadi okwesibini.
U-Olive wayenofifi ngemiba ephathelele kumanina ze waba ngumbhali ophum’ izandla kunye neqhawe lamalungelo amanina. Wakhula
kabuhlungu kakhulu, enoyise owayephangela kwisikhululo semishini esasikude. Unina wayengumfazi owayehlikihlile, esiadla ngendeb’ endala yokukholelwa ekukholiseni amadoda. Le miba yaba negalelo ekuyicekiseni kwakhe u-Olive intlalo yokukholiswa kwamadoda, inkolo kunye nokudla ngendeb’ endala. Njengomntu owayengakholelwa ezimfazweni, yaye wakulwa ukwenziwa kwamathanga yiBrithane.
U-Olive wayekhankasela iBrithane ngethuba leMfazwe yoMzantsi Afrika (eyamaNgesi namaBhulu) yaye wayewathethela amalungelo “amabhulu” “nawabamnyama.”
Ngo-1907, waba ngusekela-mongameli wesebe laseKapa leWomen’s Enfranchisement League, ze emva kwexesha wawushiya lo mbutho ngenxa yokungawamkeli amanania amnyama.
Kwisithuba seminyaka emine emva koko, u-Olive wakhupha incwadi yakhe eyayinesihloko esithi “Women and Labour.” Iingcinga neenkolelo zakhe zaba sisiseko seentshukumo zamanina kumba kamakulinganwe eMzantsi Afrika naphesheya. Akusweleka ngo-1920, wabe nesicelo esinye: ukungcwatywa kwingcwaba lentombi yakhe eyasweleka ngoko nangoko emva kokuba izelwe ngo-1895.
U-Olive wayengomnye wabantu bokuqala ukuphakamela amalungelo amaniina, kwanomntu owayesoloko eveza izimvo zakhe nowayekholelwa kumakulinganwe nokuba umntu usesiphi na isini okanye uloluphi na uhlanga. Imisebenzi yakhe isabalulekile kunanamhla yaye isenexabiso ngokwenkcubeko, inikezela ngezinye zeembono zokuqala ezibhaliweyo ukuphuma eMzantsi Afrika ngemiba yamanina kwinkulungwane neshumi elinethona neyamashumi amabini.