Ngu-Anna de Koning
Ngenkulungwane yeshumi elinesixhenxe
Umfanekiso kaAnna de Koning owapeyintwa ngenkulungwane yeshumi elinesixhenxe. Kungenzeka ukuba lo nguwo kuphela umfanekiso wala mihla owenziwa ngomntu owayesakuba likhoboka ze wakhululw eKapa. Umfanekiso: E313, kwiNkonzo Yoovimba Namarekhodi kwiNtshona Koloni (iWCARS)
“…U-Anna de Koning wayeya kuzenzela igama eKapa, esuka ekubeni likhoboka de waba ngumnikazi wesa sakhiwo sasisihle kangakaya eKapa, iGroot Constantia,” yiSouth African History Online.
U-Anna wafika eKapa eminyaka mihlanu ubudala nonina u-Ansela (okanye u- Angela) kwisithuba seminyaka ka-1660 okanye ngo-1661. Akuba ethathwe kwikhaya lakhe eBengal ze wenziwa ikhoboka, waya waphela esiba lelinye lawona manina akhe azizinhanha kwiKoloni yaseKapa.
Okwethutyana, u-Anna no-Ansela bathi basebenzi inkumanda uJan van Riebeek, ngaphambi kokuba bathengiswe ku-Abraham Gabbema.
UGabbema wamnika iimpepha zakhe zenkululeko u-Ansela ngobusuku obabusandulela ukubuyela kwakhe kokwabo eYurophu.
Emva kokukhululwa ebukhobokeni, u-Anna nosapho lwakhe babengasekho phantsi kwamakhamandela obomi abasele bebuqhelile. Endawenu yoko, unina u-Ansela wathi waphehlelelwa njengomKrestu ze waphathwa njengelungu elihloniphekileyo loluntu lokuhlala. Wendela kumfama owayesisinhanha ze ke ngoko wabe u-Anna ukhulela kwikhaya elikhulu neliseHeerengracht.
Ngo1678 uAnna wendela kuOlof Bergh, owayesisinhanha sommi ophuma eSweden nowayeligosa leDutch East India Company (iVOC) nenkokheli yeehambo phantsi kukarhulumente kaSimon van der Stel. Babesele beneshumi leminyaka betshatile ngethuba u-Olof ethunywa ukuba aye kulanda ubutyebi obabuvingceleke kwinqanawa eyayizikile. Wagqiba ekubeni azithathele obunye bobo butyebi (iyibranti kakhulu) ze emva koko wabanjwa wavalelwa emva kokutyholwa ngobusela. UAnna, uOlof, nabantwana babo bathi baya kuhlaliswa kwisiqithi iRobben Island. Emva kweminyaka emithathu kwesi siqithi sincinci, u-Olof wanikwa ithuba lokusigcina isikhundla sakhe nobungangamsha bakhe kodwa phantsi komqathango wokuba emke aye kuhlala eCeylon. Wakhetha ubomi bokuba yimbacu ze wangena kwinqanawa waya eCeylon. Likho ithuba lokuba uAnna yena wakhetha ukusla eKapa, okanye ke usenokuba wemka naye. ECeylon, UOlof wenyukela kwisikundla ze waba sisityebi nangakumbi ze wathi akubuyela eKapa, wathenga uthotho lwemihlaba, kuquka la mzi useHeerengracht, ifama iDe Kuilen, umzi okwithambeka iTable Valley, enye ekufuphi neGroote Kerk esixekweni, iifama ezimbini ezikufuphi nePiketberg, kwakunye nenye ifama eDurbanville, ekungoku nje ibizwa iGroot Phesantekraal. Wafumama ukuxolelwa ngezenzo zakhe zolwaphulo-mthetho ze wenyuselwa waba yinkumanda yeqaqoba lamajoni aseKapa.
Inxalenye yempahla kaAnna eyathi yahlanganiswa emva kokubhubha kwakhe. Olu xwebhu liquka amakhasi angmashumi amathathu anambini ze ludweliswe imihlaba, impahla, ubucwebe, izixhobo, amachiza, umqhaphu, ifenitshala, impahla yendlu kwakunye nokunye yaye oku kusisalathis sobutyebi bakhe obabungaphele ndawo. Eli nina lalikhe laba likhoboka lalikwangumnini wabasebenzi ababengamakhoboka ababengamashumi amabini anesixhenxe. Umfanekiso: MOOC 8/5: 118, ngoweWCARS
Akufa uSimon van der Stel, u-Olof no-Anna bayithenga iGroot Constantia. UOlof wasweleka ngo1724 ze yonke impahla yakhe yadluliselwa kuAnna. Waba ke ngoko uba sisinhanhakazi sothoho lwamapomakazi ze wala amadoda amaninzi ayefuna ukumtshata. Iminyaka yokugqibela wayiphila njengesinhanha somhlolokazi, sikamama, sikamakhulu nokhokhokazi.
UAnna noOlof sisihlwelekazi nesihlwele sosapho loMzantsi Afrika lwakwaBergh.
UAnna de Koning waba sisihlwelekazi sothotho lweentsapho zoMzantsi Afrika.