NguRahima Moosa

Ngenkulungwane yamashum amabini

URahima noLillian Ngoyi, uHelen Joseph, kunye noSophie de Bruyn. Babeziinkokheli zoMngcelele Wamanina ka-1956. Umfanekiso: ngoweScientology News

“Thina, manina oMzantsi Afrika, bafazi noomama, bafazi abaphangelayo kwanabo baphangelelwayo, abangama-Afrika, abangamaNdiya, abankaba iseYurophu nabangaBebala, sizinikela ekusebenzeleni ukususwa kwemithetho, imimiselo, izithethe kunye namasiko asicalulayo njengamanina, nasiphuca nangayiphi na indlela ilungelo lethu lobomi leenzuzo, uxanduva kunye namathuba anikezelwa naluluphi na uluntu kuyo nayiphi na inkalo yesizwe,” le yinxalenye yoMqulu Wenkululeko Yamanina, owabhalwa nguRahima Moosa namaqabane akhe.

Bexhobe ngentaphane yemiqulu equlethe izikhalazo, uRahima namaqabane akhe uHelen Joseph, uLilian Ngoyi kunye noSophie de Bruyn baya kufika kumanqwanqwa ezakhiwo Zomdibaniso kude kufuphi ne-ofisi yenkulumbuso uStrijdom. Umqulu ngamnye wezikhalazo wawulilizwi, elalenyuswe ukuze lilwisane nemithetho yamapasi eyayiya kubekwa phezu kwamanina amnyama eMzantsi Afrika. Ngemva kwabo kwakuhamba ihlokondiba lamanina ayengaphezu kwamashumi amabini amawaka

ayephuma mbombo zone zoMzantsi Afrika: ihlokondiba lamania andilisekileyo nayezimisele. URahima wayenxibe isari emhlophe eyayigqume eso sisu sakhe sasikhulelwe. Uphawu lokuthwala isizukulwana esilandelayo samanina axhotyisiweyo nakhululekileyo lwalungebalahlekeli abaninzi.

Umngcelele Wamanina womhla wethoba kwinyanga yeThupha ka-1956 wabethelela imbali. Ngaphambi kokuba uRahima nabanye bakhokele lo mngcelele, wayesele ephile njengegorha lezopolitiko elalingalawuleko isithuba esiphantse sifikelele kumashumi amabini eminyaka. URahima wazalelwa eStrand kude kufuphi neKapa ngomhla we-14 kweyeDwarha ka-1922, ze wasiyeka isikolo ngenjongo yokudlala indima yakhe kwipolotiki yezabasebenzi. Wayesebenza nemanyano yabasebenzi iCape Town Food and Canning Workers Union ngaphambi kokuba afudukele eRhawutini apho wafika wazianya khona neTransvaal Indian Congress.

URahima wathabatheka kakhulu bubomi nomsebenzi kaMahatma Gandhi (owaba ngumseki weTransvaal Indian Congress), ze amkhokela kwiintshukumo zakhe zomzabalazo amazwi akhe. Umsebenzi wakhe kule Nkongolo amkhokelela ekuzimanyeni ne-ANC ze ngo-1955 wadlala indima enkulu ekusekweni kweCongress of the People apho amazwi oMqulu Wenkululeko athi amkelwa ngokusesikweni.

URhulumente wobandlululo wambeka ibala uRahima, nto leyo yathetha ukuba wayesoloko ephantsi kweliso elibukhali lamapolisa ze neentshukumo zakhe zafakwa izithintelo.

URahima Moosa waba neengxaki zempilo eziqhubayo, ze wasutywa kukufa ngo-1993, kwisithuba sonyaka ngaphambi kolonyulo lokuqala lolawulo lwedemokhrasi eMzantsi Afrika

Ingcwaba lakhe elikuMangcwaba aseNewclare eRhawutini lisisiza selifa lemveli esizweni.

Previous
Previous

ISpecial Signal Services

Next
Next

Ngu-Anna de Koning