ISpecial Signal Services

Ngenkulungwane yamashumi amabini

Amanina eSpecial Signal Services (iSSS) ayefumana uqeqesho, kuquka noqeqesho lweekhowudi zemorse. Umfanekiso: ngoweJohannesburg Historical Archives

 

Ngethuba leMfazi Yehlabathi Yesithathu iinkwili zaseJamani zazizkhe zihlasele ze zidale ukuzika kweenqanawa ze-Allied kulwandlekazi i-Atlantiki ngokubanzi. Wakungena uMzantsi Afrika unxweme lwayo lwabonelela ngezidingo ezazifunea kwiinqanawa ze-Allied, kodwa ke walusondeza unxweme lwayo kwimfazwe leyo. Iinkwili neenqanawa zaseJamani zazingeyongxaki nje kuphela koko uMzantsi Afrika wawuloyika uhlasleo lwamanxweme ngamaJapani.

Abasebenzi bereyda boMzantsi Afrika babeqeqeshiwe ze babekwa kwiindawo ezazisemanxwemeni, ukusuka eSaldanha Bay ukuya eThekwini. Ekuqaleni kwakukho amadoda ayesebenza kuhle kula mazibuko. Kodwa ke, baye kungekudala kwafuneka ukuba baye kusebenza kuMantla eMeliko. Kwagqitywa ngoko ke ukuba amaninia anemfundo yaseyunivesithi aya kuqeqeshwa ze abekwe kula mazibuko.

La manina ayeselula athabatha isifungo seemfihlo ze emva koqeqesho lweeveki ezintandathu bathunyelwa ukuba baye kusebenza kwesinye sezi zikhululo. Ukuya kuthi ga ngo-1945, unxweme loMzantsi Afrika lwalunezikhululo zereyda ezingaphaya kwamashumi amahlanu, ezingaphezu kweshumi elinesixhenxe kuzo zikwiNtshona Koloni. Ezi ke zaziquka isikhululo saseCape Point, esaseBlouberg Hill, esaseBettys Bay, esaseDarling nesaseSimonstown.

Akuba ebekwe kwindawo awayeza kusebenzela kuyo apho wayeza kusebenza iiyure eziphakathi kwezine nezintlanu ngosuku. Umsebenzi omnye wayejija la ndawo yokubamba ejikelezisa i-eriyali emamela amazwi ngelixa omnye wayezama ukufumanisa ukuba asuka phi la mazwi emephini. Ukuba kwakukho amazwi okanye intshukumo eyayikrokrisa kwireyda, ezo nkcukacha zaziye zithunyelwe kwigumbi lefilta elikhulu (elaliteketiswa kuthiwe nguFreddie). Xa kanye yayinzima imfazwe igumbib lefilta laliseCastle of Good Hope eKapa. Bakuba bezithumele iinkcukacha abasebenzi, abasebenzi begumbi lefitla babeye bangenelele. Abasebenzi bakumazibuko babengaye bazazi iziphumo zeengqwalasela zabo, njengoko umsebenzi weenkonzo zeempawu ezizodwa zaziyimfihlo egqibeleleyo. Babengaphaya kwamakhulu amahlanu abafazi ababeyinxalenye yeli candelo lilodwa. Yakuphela imfazwe, bakhululwa ze ubukhulu becala unxibelelwano lweSSS lwatshatyalaliswa. Balithoba kuphela abasebenzi bamazibuko abagcinwayo ze bandiziswa basiwa kuMantla e-Afrika ukuze baye kuncedisa kwiinzame zokukhululwa kwamabanjwa emfazwe oMzantsi Afrika.

Iintsalela zesikhululo sereyda sase-Elands Bay. Umfanekiso: nguJaline de Villiers

Umonakalo wezikhululo zereyda kwiMfazwe Yehlabathi Yesibini usabonakala yaye uyalibalisa ibali samakroti amanina (namadoda) ayegade isibhakabhaka sethu.

Previous
Previous

NguSophia Gray

Next
Next

NguRahima Moosa