!Goroǀgôas (Krotoa) okanye uEva van Meerhof
Ngenkulungwane yeshumi elinesixhenxe
Umzobo wenkulungwane yeshumi elinesixhenxe samanina amaKhoekhoe evathe ezesintu bekwahombise nemizimba bekwanxibe nobucwebe. Umkoloniyali owalibhinqa uyabonakala ngasekhohlo. UKrotoa yena wayenxibe impahla yaseNtshona ehlala nosapho lwakwavan Riebeeck okanye ke nomyeni wakhe kodwa wayeyinxiba nempahla yakhe yesiKhoekhoe xa esiya kutyelela usapho lwakhe. umfanekiso: yiWorld Digital Library
“…Imbalasane yendalo. Wayebamkele ubuKrestu, esikhupha ngeempumlo isiNgesi, isiDtshi, isiFrentshi kunye nesiPhuthukezi futhi ke ezichana neZibhalo Ezingcwele… ngamafuphi, wayencomeka kakhulu, eqeqeshwe kuzo zonke izakhono anokuba nazo amanina ze wendela komnye woogqirha abangabahlinzi ababesebenzela le nkampani,” le yingcaciso kaWillem ten Rijne ngo-“Eva”, ngo1673.
U“Krotoa” (opelwa ngokolu hlobo ngesiDatshi !Goroǀgôas) mhlawumbi yayingelogama lalo mfazana kodwa k eke lona lisixelela ukuba wayephantsi kwesihoyo sikaninalume uAutshumao (okanye ke uKx'aothumathub) okanye sikaJan van Riebeeck kunye nenkosikazi yakhe uMaria de la Quellerie. Asilazi igama lakhe lokuzalwa.
Ngeentsuku zokuqala zokuza kuzinza kwamaDatshi, u!Goroǀgôas wathatyathwa nguJan van Riebeeck eminyaka ilishumi elinambini ubudala ukuze asebenzele inkosikazi yakhe njengesicaka sakhe. Wakhawuleza wasazi
isiDatshi futhi ekwazi nokunxibelelana kakuhle de akwazi nokusitoli. Uninalume, uAutshumao, wayeyinkokheli yamaKhoekhoe angama!Uriǁ’aeǀona (amaStrandloper). Wayewabona ama!Goroǀgôas njengomntu wangaphakathi olulutho nofikelelayo kwiindlela zamaDatshi.
Isithuba seminyaka, u!Goroǀgôas wayesenza njengomntu njengomntu ophakathi nomxoki kwiingxoxo ezaziba Phakathi kwezikhulu zamaDatshi namaKhoekhoe. Wayengundoqo ekumiselweni kwemiqathango yokupheliswa kweMfazi yamaKhoekhoen namaDatshi eyasusela ngo1659 yaya kuphela ngo1660.
Ngo1662, u!Goroǀgôas wathi waphehlelelwa njengomKrestu ze wathiywa igama elingu-Eva. Waba liKhoekhoen ukuphehlelelwa ngokwezithethe zamaKrestu eKapa. Kwisithuba seminyaka emibini emva koko, wathi watshata ugqirha ongumhlinzi waseDenmark, uPieter van Meerhof, kwakhona esiba liKhoekhoen lokuqala elatshata isiKrestu eKapa. Lo mtshata weenkcubeko ezahlukeneyo wawungamkelekanga kumanye amakoloniyali nabasemagunyeni.
Ubomi buka!Goroǀgôas babunzima; abantu bakhe bemjonga ngesikrokro kwathi ke emva kokufa kukaninalume u-Autshumao, akabi nakuba sakwazi ukubuyela kusapho lwakhe. Umyeni wakhe wabulawa kuhambo olwalusiya eMadagascar, wabe le ngoko u!Goroǀgôas usala yedwa nezo ntsasa zintathu. IRhuluneli entsha, uZacharias Wagenaer, wayenezimvo ezingentle mpela ngeKapa futhi wabe engasazifuni iinkonzo zika!Goroǀgôas njengetoliki. Waba ke ngoko usaala enxunguphele yaye engasakholisekanga ngabasemagunyeni kumaDatshi, wazilahlela etywaleni de ekugqibeleni waphela sele ethengisa ngomzimba ukuze abe nokufumana ezo sentana.
Ngenyanga yoKwindla ka1669, wathi wabanjelwa ukubaleka ashiye iintsana zakhe zodwa. Ukubanjwa kwakhe kwakhokelela ekulahlelweni isigxina kwisiqithi iRobben ngenxa yezenzo zolwaphulo-mthetho “zokungakwazi kuziphatha, ukuzilahlela etywaleni kwanokuthengisa ngomzimba”. Waswelekela esiqithini apho kwisithuba seminyaka emihlanu emva koko ze wangcwatyelwa kwiCastle. Abantwana bakhe, uJacobus, uPieternella noSalomon, bathi basiwa eMauritius. UPieternella van Meerhof, intombi yakhe, yathi emva kwexesha yabuyela eKapa. U!Goroǀgôas wayekwanabo noonyana ababini ‘ababengengabomtshato, uJeronimus no-Anthonij ekungathi mhlawumbi bakhuliswa nguAnne noEvert baseGuinea ababengabantu abakhulekileyo ababekhe baba ngamakhoboka ngaphambili.
Wayesele neeveki ezintathu ngaphambi kokugqiba isidanga sakhe ngethuba kuthatyathwa isigqibo sokumluleka. Kungoku nje uninzi lwabemi boMzantsi Afrika bathi bazama ukulandela umnombo wabo ze bafumanisa ukuba eneneni baphuma kumnombo weli nina leKhoekhoe elalinelizwi elisavakalayo kwiidayari zokuqala kwanakumaxwebhu asesikweni eKapa.