NguLady Anne Barnard

Ngenkulungwane ye-8th – ngeye-19

Umzobo kaLady Anne Barnard, 1783. Umfanekiso: E2848, ngoweNkonzo Yoovimba Namarekhodi kwiNtshona Koloni

 

“Ndicinga ngokukhwaza ephepheni, ndinike izimvo zam kuyo, ndibalise ibali Iam nokuba liyinyaniso nokuba libuuvuvu kodwa njengoko ndiliva mna … ngamanye amaxesha ndizicingele ukuba ndincokolela oodadewethu, ngamanye amaxesha ndibhale… ndibhalela mna kuphela,” NguLady Anne Barnard ngeedayari zakhe, kweyoMsintsi ka-1799.

Ambalwa amanina alazi njengoLady Anne Barnard iKapa. Owazalwa engu-Anne Lindsay ezalwa ngumhlonipheki waseBalcarres eSkotlani ekunye nenkosikazi yakhe eyayiseze ngobuso ezweni, u-Anne wayengoyena mdala kwishumi elinanye Labantwana. Wayengoyena wayesondele kakhulu kudadewabo uMargaret ze bathi bobabini bazakhela ikhaya eLondon, uMargaret ekunye nomyeni wakhe ze u-Anne yena wakumnyango olandelayo kumzi owawungemkhulu. Wala amadoda amaninzi aquka uHenry Dundas, owayengoyena sopolitiki wayenamandla eSkotlani nowayesebenza njengonobhala webhunga. Ubudlelwane bakhe noDundas bahlala bukho ubomi bakhe bonke ze waba phambili kwiinzame zakhe zokufudukela eKapa.

U-Anne wayenamashumi amane anesithathu eminyaka ubudaa ukwamkela kwakhe ukwendela ku-Andrew Barnard. Wayeligosa elisezantsi nelalingenasikhundla, elalingesosityebi, linabantwana ababini nentaphane yamatyala. Ngethuba esamkela isicelo somtshato wathi engasaziva wabhalela intaphane yezihlobo zakhe ediza ukuba, “ihlabathi liya kucinga ukuba ndiphambene ngokwamkela!” Bakutshata u-Andrew no-Anne, wacenga uDundas esithi makanike umyeni wakhe owayeselula isikhundla. Wenza ngokwesicelo uDundas elandelisa ngombono owawuxwaye ingozi: u-Andrew wayenakho ukusifumana isikhundla kodwa njengonobhala kuLord George Macartney eCape of Good Hope. U-Anne wayesoyika ukishiya iLondon eze eKapa, kodwa wayezimisele ukuzimanya nomyeni wakhe. Bemka eLondon bexhobe “ngeendywala, iipikili, izitulo zeWindsor, izinja, imipu, iwayini ipoti, izixhobo zokubhala, izibane namahashe.”

EKapa, uLady Anne waba ngumamkelo osesikweni kunye nomfazi wokuqala weKoloni njengoko inkosika kaLord Macartney yona yayikhethe ukusala eLonfon. Ngaphezu kokuba ngumamkeli, u-Anne wonwaba eKapa, uhlobo lolonwabo angazange walufumana naphi na. wenyuka iNtaba yeTafile ngebhulukhwe yomyeni wakhe, wabhala ngezint oawaziqwalasela ngezityalo ze wenza uthotho lwemizobo yamanzi eveza ubomi, inkangeleko kunye nemvakalelo yeKapa ekuguqukeni kwenkulungwane yeshumi elinesibhozo.

Umzobo wemibalabala yamanzi owenziwe nguLady Anne Barnard womfazi olikhoboka waseCape of Good Hope owayesebenza “njengomncedisi wompheki” emzini wakhe, ngo-1793. Umfanekiso: wenziwe nguLady Anne Barnard, ngokawonkewonke, ufumaneke kuWikimedia Commons

 

Umzobo wamanzi owenziwe nguLady Anne Barnard womfazi weKhoekhoe amchaza “njengoMfazi weNkosi”, ka-1799. mfanekiso: wenziwe nguLady Anne Barnard, ngokawonkewonke, ufumaneke kuWikimedia Commons

 

Wangenela ngaphakathi ke, etyelela iSwellendam ngokuhamba ngeStellenbosch, iGenadendal, iSaldanha Bay kunye neBlouberg ngaphambi kokubuyela ekhayeni, kwiNqaba. Olu hambo lwathabatha inyanga, kodwa lwaveza uthotho lwemizobo egungqayo yamanzi yabantu awahlangana nabo uLady Anne kwiihambo zakhe, kuquka abasebenzi ababengamakhoboka kunye nabemi bomthonyama. Wahlala eKapa isithuba seminyaka emihlanu kodwa yammisela njengomhambi, umbhali, igcisa kunye nomqwalaseli. Imizobo kunye needayari zakhe zisasetyenziswa kunanamhla njengesikhokelo sobomi baseKapa ngethuba ngethuba koLawulo lwamaBrithane.

Previous
Previous

!Goroǀgôas (Krotoa) okanye uEva van Meerhof

Next
Next

Catharina Ras