Sikhumbuleni

Ngamanye amaxesha amagama abo kuphela kobungqina bobukhoboka obabufunyenwe kwiirekhodi ezibhaliweyo. Xa ufunda amagama apha abanye babafazi abangamakhoboka, amadoda, kunye nabantwana abahlala, basebenza, bazalwa, kwaye basweleka eLeeuwenhof thatha umzuzwana ukubonakalisa ngobomi ababebumele, ubomi obufanele ukukhunjulwa kunye nokunikwa imbeko.

Ukufika kwabo eCape of Good Hope, abantu abangamakhoboka bahluthwa yonke into. Nkqu namagama abo. Njenge'propati', bathiywa amagama ngokuthanda kwabanini babo.

Ngamanye amaxesha 'abanini' babewanika amakhoboka agama akudala, anjengooJulia, Adonis, Cupido, okanye Cesar, eyayiyinto ehlekisayo njengoko la yayingamagama abantu abanamandla okanye abantu basentsomini. Banikwa namagama eTestamente eNdala njengoAdam, uEva, uRachel noJob. Abanye banikwa amagama asisithuko anjengoEenoor noPatat.

Amanye amakhoboka ayethiywe ngeenyanga zekhalenda (ukusuka kuJanuwari ukuya kuDisemba) ayebizwa ngabathengisi ababathengisayo.

Uninzi lwezi ndlela zokuthiya amagama ziyabonakala kwiirekhodi zabanini makhoboka baseLeeuwenhof.

Abantu abaninzi balapha bayinzala yabantu ababekade bengamakhoboka kwaye baneefani okanye amagama ahambelana ngqo nexesha lobukhoboka eKapa njengooEpreli, Septemba, Okthobha, Afrika, Damon, Maart, Cupido, Disemba, Samson, Adam, Moses, Esau, noGoliyathi.

Inkqubo yokuqanjwa kwamagama yamaDatshi yabantu abangamakhoboka isinika isalathiso sokuba bavela phi. Ukunyanzelwa ebukhobokeni nokuziswa uzokusebenza eKapa:

UPatientie waseBatavia, owazalelwa kwiJakarta yangoku, eIndonesia pha kwiminyaka ye1746. Uswelekele eLeeuwenhof ngomhla wama30 kuTshazimpuzi ngowe1830.

UMey waseBatavia, owazalwa pha ngowe1771. Wafa eLeeuwenhof ngomhla wama26 kweyoMnga we1818. 

USeptemba waseBatavia, owazalwa malunga ne1771

UBaatjie waseBatavia, owazalwa pha ngowe1766 Usweleke eLeeuwenhof ngomhla we3 kweyoMnga ngowe1823. 

UCato waseBatavia, owazalwa pha ngowe1746. Wafa eLeeuwenhof ngomhla we10 kweyeDwarha ngowe1824. 

USnap waseBatavia, owazalwa malunga nowe1766. Wafa eLeeuwenhof ngomhla wesi7 kweyoMqungu ngowe1825.

UDam waseBengal, ozalelwe kwiBangladesh-India yangoku malunga ngowe1776 

USimon van Macassar, ovela kwiUjung Pandang yangoku, kwisiqithi saseCelebes, eIndonesia

USara van Madagascar

UPieter waseMadagascar, owazalwa malunga nowe1788

UCaesar waseMadagascar, owazalwa malunga nowe1771

UAzor waseMadagascar, owazalwa malunga nowe1780 

UPatientie waseMadagascar, owazalwa pha kwiminyaka yowe1771. Wafa eLeeuwenhof malunga nowe1830.

USabel waseMadagascar, owazalwa malunga nowe1766. Wafa eLeeuwenhof ngomhla wama20 kweyoKwindla ngowe1817. 

UPhilida waseMosambique 

UJanuarij, uFebruarij, uMaart noApril waseMosambique 

UDomingo waseMosambique 

UFebruary waseMosambique, owazalwa malunga nowe1776. Wasweleka eLeeuwenhof ngomhla we12 kweyeSilimela ngowe1824.

UScipio waseMosambique, owazalwa malunga nowe1786

UAfrika waseMosambique, owazalwa malunga nowe1786 

UJanuary waseMosambique, owazalwa malunga nowe1780. Wasweleka eLeeuwenhof ngomhla wesi9 kweyoMqungu kowe1824. 

UPietjie waseMosambique, owazalwa malunga nowe1776. Wasweleka eLeeuwenhof ngowe1820. 

UApril waseMosambique, owazalwa malunga nowe1792 

UPero waseMosambique, owazalwa malunga nowe1771. Wasweleka eLeeuwenhof ngomhla wama31 kweyoMnga 1822.

UMozes waseMosambique, owazalwa malunga nowe1788 

UFrancois waseMosambique, owazalwa malunga nowe1771. Wasweleka eLeeuwenhof ngomhla wama31 kweyoMnga 1822.

UMichel waseMosambique, owazalwa malunga nowe1781. Wasweleka eLeeuwenhof ngomhla wama 20 kweyeSilimela 1831.

UJoseph waseMosambique, owazalwa malunga nowe1794

ULouis waseMosambique, owazalwa malunga nowe1771

USimon waseMauritius 

UFrancois waseMauritius, owazalwa malunga nowe1776

UApol waseMauritius, owazalwa malunga nowe1776 

USericus waseMauritius, owazalwa malunga nowe1756. Wasweleka eLeeuwenhof malunga nowe1824.

Abantwana abazalelwa ebukhobokeni eKapa banikwa amagama okuqala, alandelwa ngu 'van de Caab', umDatshi 'waseKapa'. Phantsi kolawulo lwamaBhritane le yaba 'waseKapa':

UCathrijn waseKapa 

UAdonis waseKapa 

UPhilip waseKapa, owazalwa malunga nowe1788

UFrederik waseKapa, owazalwa malunga nowe1790

UWilliam owaseKapa, owazalwa malunga nowe1806

UCarli waseKapa, owazalwa malunga nowe1800

ULouis waseKapa, owazalwa malunga nowe1802. Wasweleka eLeeuwenhof malunga nowama30 kuTshazimpuzi 1830.

USiloa waseKapa, owazalwa malunga nowe1794

UNovember waseKapa, owazalwa malunga nowe1771. Wasweleka eLeeuwenhof ngowesi5 kuTshazimpuzi 1834.

USpasie waseKapa, owazalwa malunga nowe1766

URegina waseKapa, owazalwa malunga nowe1804. Wasweleka eLeeuwenhof ngowe1825.

UChristina waseKapa, owazalwa malunga nowe1790

USara waseKapa, owazalwa malunga nowe1774

UDoortjie waseKapa, owazalwa malunga nowe1793

UMarietjie waseKapa, owazalwa malunga nowe1796

UDiana waseKapa, owazalwa malunga nowe1771

URosina waseKapa, owazalwa malunga nowe1792

UMoses waseKapa, owazalwa malunga nowe1775


Ngokungafaniyo noomama babo, ootata baba bantwana zange barekhodwa. Ukuzalelwa ebukhobokeni eLeeuwenhof:

USaartjie waseKapa, owazalwa malunga nowe1807

UPierre waseKapa, owazalwa malunga nowe1810

ULena waseKapa, owazalwa malunga nowe1815

UCoba waseKapa, owazalwa ngowama20 kweyoMqungu 1817 kuMarietjie

UAdriaan waseKapa, owazalwa ngowe17 kweyoMqungu 1817 kuDoortjie

UChristina waseKapa, owazalwa ngowama20 kweyoKwindla 1819 kuMarietjie. Wasweleka eLeeuwenhof ngowesi4 kweyeThupha 1819.

UIsaac waseKapa, owazalwa ngowesi8 kuTshazimpuzi 1820 kuDoortjie

UAlbert waseKapa, owazalwa ngowe15 kuCanzibe 1820 kuRosina

UJacob waseKapa, owazalwa ngowesi9 kweyeSilimela 1820 kuRegina

UFrans waseKapa, owazalwa ngowe15 kweyeSilimela 1820 kuMarietjie

UChristiaan waseKapa, owazalwa ngowama24 kweyeSilimela 1822 kuMarietjie 

UCarolina useKapa, owazalwa ngowama26 kweyeSilimela 1822 kuRosina

URam waseKapa, owazalwa ngowesi2 kweyoMnga 1822 kuDoortjie

ULucrees waseKapa, owazalwa ngowama23 kweyoMnga 1823 kuRegina

ULouisa waseKapa, owazalwa ngowesi2 kweyoMnga 1824 kuRosina. Wasweleka eLeeuwenhof malunga nowe1832.

UElias waseKapa, owazalwa ngowe16 kuCanzibe 1825 kuDoortjie

UFrits waseKapa, owazalwa kweyeSilimela 1825 kuMarietjie

USara waseKapa, owazalwa ngowesi4 kweyeThupha 1828 kuDoortjie

UThomas waseKapa, owazalwa ngowama28 kweyeSilimela 1831 kuDoortjie

URegina waseKapa, owazalwa ngowama30 kweyeKhala 1833 kuDoortjie

Previous
Previous

Ubomi Bobukhoboka

Next
Next

Ifuthe Lobukhobokha: Umboniso wezobugcisa